XHOSA
UGCINO NOBUGCINI PHANTSI KOMTHETHO WESINTU
Ifowuni: 012 661-7473
UMTHETHO WESINTU WENTSUSA JIKELELE
Okuqukwayo kumThetho wesiNtu
Iwonga lomfazi lilingana nelomntwana
Umfazi akanalungelo lokuba ngumgcini womntwana wakhe kuba yena siqu uphantsi kogcino lomyeni wakhe
Akanakho ukungena kwizivumelwano zasemthethweni ngaphandle kokuncediswa ngumyeni okanye nguyise
Akayontloko yamalungelo kodwa uyinto nje
Ubugcini buchatshazelwe njani na yimo yezemveli?
Phantsi komThetho wesiNtu ubugcini lilungelo eliyintloko elinikwa umyeni nosapho lwakhe ngomtshato
Le nto ithetha ukuba xa umyeni emkhuphele ilobola umfazi wakhe, yena nosapho lwakhe bazuza amalungelo apheleleyo.obuzali babantwana abazelwe ngexesha lomtshato
Ubugcini babantwana bomtshato bunikwe umyeni,umama nosapho lwakhe
Ubugcini babantwana bentombi engendanga bunikwe utatomkhulu wabo wecala lakulomama nosapho lwakhe
Xa intombi engendanga itshata ubugcini bentombi engendanga nabantwana budluliselwa kumyeni wakhe nosapho lwakulomyeni
Ubugcini ngokwemigqaliselo yomThetho wesiNtu bukwicala lamadoda kuphela kwaye abantwana ngabecala lakulomyeni
Ubugcini ngumsebenzi owenziwa yindoda egameni losapho
Ukuhlelwa kwabantwana
Ukuba ngumgqakhwe / umntwana wesisu yinto engaziwayo phantsi komThetho wesiNtu, kuba kaloku umntwana uya kusoloko enendawo, nokuba kukwikulonina le nto isekwe kwintetho ethi "umntwana wesisu (oko kutsho waphambi komtshato) ngowakulonina" okanye ngowecala lakuloyise okanye kwicala lakulomama womyeni, loo nto isekwe kwintetho ethi "imazi ithathwa kunye namathole ayo".
Kuyafuneka lucaciswe uhlobo lomtshato umfazi angena kuwo.
Abantwana benkosikazi (abazelwe emtshatweni okanye phambi komtshato)
Abantwana abazelwe emtshatweni: Ngabomyeni wakhe nosapho lwakhe nokuba ngoobani na ooyise ababazalayo.
Kulindeleke ukuba umama womyeni abamkele abantwana abanjalo njengabakhe kwaye enze zonke iimfanelo zobuzali emntwaneni.
Abantwana bomhlolokazi
Ukubhubha komyeni akuphelisi ubudlelwane bomtshato
Izintlu zabantwana bomhlolokazi zimi ngolu hlobo: (i) Abantwana bongeno
Phantsi kwesiko lokuNgena, lo mtshato uyaqhubeka phakathi komhlolokazi nendoda engena endaweni yomyeni obhubhileyo.
Umhlolokazi nabantwana bakhe baphantsi kogcino nohlolo lwendoda elandela umyeni obhubhileyo. Umngeni idla ngokuba yenye indoda yosapho lwalo myeni obhubhileyo.
Usapho lwakulomyeni ongasekhoyo luyenza uxanduva lwalo ukunakekela umhlolokazi ngalo lonke ixesha esaphila,kwaye lube nguyise wabantwana abaninzi kangangoko lo mfazi enokuyizalela le ndoda ayinikiweyo,
Abantwana abazelwe ngumhlolokazi nendoda engumngeni bathathwa njengenzala yomyeni ongasekhoyo.
Nakwiindawo apho isiko lokungena selaphelelwa, ukuba umhlolokazi uye wazala abantwana, nokuba uyise wabo ngubani na, abo bantwana bathathwa njengabomyeni wakhe ongasekhoyo kwaye ngamalungu osapho lwakulondoda.
Abantwana abazelwe ngumntu oqhawule umtshato
Xa kuqhawulwe umtshato abantwana badla ngokusala nosapho lwakulomyeni
Imithetho yesintu emininzi ayimvumeli umfazi ukuba atshate kwakhona ngexesha esahleli nabantu bakulomyeni. Kufuneka agoduke aye kuloyise ukuba ufuna ukutshata kwakhona
Xa ephinde watshata, nabaphi na abantwana abazelwe ngumfazi oqhuwule umtshato, umyeni wesibini ngutata wabo, umntwana waba balingane ke ngoko ngowosapho lwakulomyeni wesibini. Umyeni wesibini ngumgcini wabo wabantwana.
Kumtshato wakhe wesibini, umfazi oqhawule umtshato angamenywa ngumyeni wakhe wesibini ukuba eze nabantwana bakhe emtshatweni ( oko kutsho abantwana abazelwe ngexesha esahlala notata wakhe emva kokuba ebuyele ekhaya emva komtshato wokuqala), kwiimeko apho umyeni ayithatha inkosikazi namathole ayo.
Abantwana abazelwe emtshatweni
Amagatya ecandelo 11 (b) omThetho woLawulo lwabaMnyama (Black Administration Act) aya kuyilawula imeko - umfazi uya kuhlala engumntwana ukuze umyeni wakhe abe ngumgcini wakhe. Iziphumo zeli candelo ziya kuma ngolu hlobo : Abasetyhini abamnyama abangatshatanga baya kuba ziintloko, abasetyhini abamnyama abatshatwe ngokwamalungelo abemi baya kuba ziintloko, kodwa bonke abasetyhini abangaphantsi kwamashumi amabini ananye okanye abatshatwe ngokwesiko lesintu baya kuhlala bengabantwana.
Okuqukwa licandelo 11 (b)
Abasetyhini abamnyama abatshate phantsi komThetho wesiNtu bayalivinjwa iwonga elinikwa uninzi elifunyanwa ngenxa yomtshato okanye naxa bebaminyaka ingama-21 ubudala ngokwemigqaliselo yomThetho yobuDala yoNinzi (Age Majority Act)
Eli wonga libavimba ilungelo lokungena kwizivumelwano zasemthethweni emagameni abo okanye emagameni abantwana babo
UmThetho wesiNtu wase-Afrika uyoyisakala ukunika abasetyhini base-Afrika iwonga elilinganayo nempatho yomThetho njengoko kuxeliwe kuMgaqo-siseko
Njengabafazi abamnyama abanakuba ziintloko zeentsapho zabo kwanabagcini babantwana babo kuba kaloku basathathwa njengabantwana
Eli candelo ke ngoko likhuthaza ucalulo lwabasetyhini olusekwe kwezesini okanye isini, ngoko ke liyangquzulana noMgaqo-siseko.
Eli candelo liqinisa umThetho-siseko onika amadoda igunya elipheleleyo lokulawula ubomi nepropati yabafazi babo
Isidingo sokubhangiswa nokulungiswa komThetho
Ukusebenza kokwamkelwa komThetho wemiTshato yesiNtu, 2000
Ukwamkelwa kwemitshato yesintu
Iwonga elilinganayo lemitshato
Iwonga elilinganayo nempatho elinganayo yabantu abatshatileyo
UmThetho wobugcini onika abazali bobabini ilungelo lokugcina abantwana
Abantwana bokrexezo
Umyeni uthathwa njengoyise waba bantwana kwaye akanakubakhanyela. Ngenxa yeemeko abakhawulwe nabazelwe phantsi kwazo akululanga ukubohlula kwabomtshato.
Umyeni ungumgcini, unyanzelekile ukuba abamkele njengabakhe bomtshato aba bantwana. Bangamalungu osapho lwakhe. Ootata begazi baba bantwana abanabango kubo.
Kwakolu luhlu kungangena nabantwana bokungenwa
UmThetho wesiNtu ngale ndlela uhambelana necandelo 8 loMgaqo-siseko kwaye awukhethi bantwana ngokwemvelaphi nokuzalwa.
Abantwana bangaphandle komtshato
Aba bantwana ngabecala lakulonina.
Ukuba umama wabo uyatshata, yena nomyeni wakhe babangabagcini baba bantwana. Umyeni ufumana igunya lokuba ngumzali kwaba bantwana phantsi kwentetho ethi: "Inkomo ithathwa namathole ayo" Akusayi kubakho msantsa phakathi kwaba bantwana nabantwana bomtshato. Ngoko ke kwakhona akukho mkhethe phakathi kwabantwana njengoko oko kunqandwa ngumThetho woMgaqo-siseko.
Ubugcini nogcino emva koqhawulo-mtshato
UmThetho-siseko wokuLungelwa komntwana wenziwe inxalenye yomThetho wesiNtu
Kuqhawulo-mtshato abantwana badla ngokusala nosapho lwakulotata.
Xa umama elushiya usapho lwakulomyeni, akahambi nabantwana. (Usengula mntwana ebenguye kwaye kufuneka naye abe nomgcini)
Ukuba ufuna ukucela umngeni kule meko, ke yena nomgcini wakhe kufuneka bathathe inyathelo lokuchasa umyeni wakhe elithi akakulungelanga kwaye engakufanelanga ukuba awongwe ngokuba ngumgcini wabantwana. Le nto ithetha ukuba kusoloko kukhethwa umyeni nosapho lwakhe njengabagcini kuqhawulo-mtshato. Banelungelo elilifa lokuba babe ngabagcini babantwana.
Amanye amaxesha apho abantwana bashiywa kunina kuxa besancanca (ebeleni). Ngumzekelo omnye lo apho ukulungelwa kwabantwana kuza phambi kwamalungelo alilifa katata lokuba nguye umgcini wabantwana.
Iinkundla zesintu ke ngoko zinike utata ilungelo lemvelo lokuba ngumgcini wabantwana kuqhawulo-mtshato kwaye ke iya kuba luxanduva lwaloo mntu okuchasayo oku ukuba abonise ukuba ayisayi kubalungela abantwana into yokuba utata abe ngumgcini. (kufuneka ubungqina).
Ukuqwalasela kokulungelwa kwabantwana
Abantwana abancinci abasancancayo baya kunikwa umama,phantsi komqathango wokuba xa bebadala baya kubuyiselwa kutata. Abantwana bona ngokwabo abanalo ilungelo lokukhetha umzali abafuna ukuhlala naye.
Ezinye iimeko ziye zajonga ekubeni ngowuphi na umzali okulungeleyo ukunanakekela abantwana
Okuqukwa sesi sikhundla
UmThetho-siseko wokuba ngusolusapho nguwo osalawulayo kukulungelwa kwabantwana
Abaphathwa ngokulinganayo aba bantu babini baqhawule umtshato
Abantwana bavalwe imilomo xa kusiziwa kumalungelo abo kwaye banyanzeliswa ngezigqibo zokuba yintoni na ebafaneleyo.
Isiphelo
UmThetho wesiNtu, ke ngoko unamagatya ahambelana noMgaqo-siseko nokwamkelwa komThetho wemiTshato yesiNtu. Amanye amagatya phofu ayaphikisana namagatya oMgaqo-siseko kwaye ukungahambi ngokomgaqo-siseko kusagquba. Kufuneka kucelwe umngeni ngala magatya enkundleni. Esona sizathu sisisiseko kukuba icandelo 11 (b) libhangisiwe, ke naluphi na uhlobo lokungalingani ngewonga phakathi kwamadoda nabafazi akusayi kuqhubeka njengoko kungenasiseko.
